Exodus 22:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pezu kwendawo zonke zokwona, pezu kwenkabi, pezu kweqwaṙashe, pezu kwegusha, pezu kwengubo, pezu kwako konke okulahlekileyo, atshoyo omnye ngako ukuba kokwake, indawo yabo bobabini yoza pambi kwabagwebi; ati lowo abagwebi baya kumgweba, abuyekeze ngokupindiweyo kummelwane wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yezinto zonke zokona, ngenxa yenkomo, ye-esile, yegusha, yengubo, nangenxa yezinto zonke ezidakileyo, ezifaniswayo: loo ndawo yabo bobabini yoya phambi koThixo; othe wagwetywa nguThixo, wombuyekeza kabini ummelwane wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yamatyala, iinkomo, iiesile, iigusha, iingubo, izinto zonke ezidakileyo, ezifaniswayo, loo ndawo yabo bobabini yoya phambi koThixo; yaye nabani na ogweba abagwebi, umele ahlawule idlelane lakhe kabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kuyo yonke imicimbi yembambano nokuba inxulumene neenkomo, iidonki, iigusha, impahla yokunxiba, okanye nantoni na elahlekileyo, abo babangisanayo mabasiwe esibingelelweni phambi kukaThixo. Lowo uthe wagwetywa ke nguThixo uya kumhlawula ngokuphindiweyo ogwetyelweyo.