Exodus 23:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa ngowesixe̔nxe uya kuwupumza, uwuyeke; ukuba amahlwempu abantu bako adle, nokushiyiweyo ngawo zikudle izilo zasendle: uya kwenje njalo ngesitiya sako semiti yeveyine, na ngesitiya sako seminquma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke ngowesixhenxe wowuyeka ulale, adle amahlwempu abantu bakowenu, okuseleyo kuwo kudliwe ziinyamakazi; wenjenjalo ngesidiliya sakho, nangesinquma sakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ke ngomnyaka wesixhenxe mayiphumle, izole; ukuze adle amahlwempu abantu bakowenu; ekushiyeni kwawo kwadliwa ngamarhamncwa. Yenza okufanayo ngesidiliya sakho nangomnquma wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngowesixhenxe wayeke alale. Into evelayo kuwo yoba yeyamahlwempu; eseleyo ke ibe yeyeenyamakazi. Yoba seso nakwisidiliya nesinquma sakho.