Exodus 23:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yimihla mitandatu uya kwenza umsebenzi wako, kodwa ngomhla wesixe̔nxe uya kupumla; ukuba kupumle inkabi yako neqwaṙashe lako, nokuba ati pefu unyana wesicakakazi sako, nowasemzini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wowusebenza umsebenzi wakho imihla emithandathu, uphumle ngomhla wesixhenxe; iphumle inkomo yakho ne-esile lakho, akhe aphefumle unyana wesicakakazi sakho nomphambukeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wowusebenza umsebenzi wakho imihla emithandathu, uphumle ngomhla wesixhenxe, iphumle inkomo yakho ne-esile lakho, aphumle unyana wesicakakazi sakho nomphambukeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Sebenza iintsuku zibe ntandathu, kodwa ngolwesixhenxe ungawuphathi umsebenzi, ukuze izicaka nababhaceli ngokunjalo nemfuyo yakho ifumane ikhefu ihlaziyeke.