Exodus 23:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umtendeleko wezonka ezingenagwele wowubamba: (wodla izonka ezingenagwele imihla ibe sixe̔nxe, njengokuba ndikuyalele, ngelimisiweyo ixesha lenyanga engu‐Abibe; ngokuba ngayo ubupuma e‐Jipete: kanjalo mabangabonakali pambi kwam bengenanto:)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine, udle izonka ezingenagwele imihla esixhenxe, njengoko ndakuwiselayo umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma ngayo eYiputa; makungabonakali bani phambi kwam engaphethe lutho;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze uwenze umthendeleko wezonka ezingenagwele (imihla esixhenxe uya kudla izonka ezingenagwele, njengoko ndakuwisela umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; ngokuba waphuma ngayo eYiputa, nasekuyeni kolalayo ecaleni kwam akaveli).
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenyanga uAbhibhi enaphuma ngayo eJiputa, yenzani itheko lesonka sentlama engenagwele njengoko ndaniyalelayo. Kwithuba leentsuku ezisixhenxe zeli theko ze nitye sona sodwa. “Sanukuza phambi kukaThixo ningaphathanga mnikelo.