Exodus 23:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuyi kulandela abaninzi ng okwenza okubi; kanjalo akuyi kuteta elupikisweni ngokupambukela emva kwabaninzi ukutyekisa ugwebo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze ungalandeli isininzi ukuya kwenza izinto ezimbi;ungathi ukungqina kwimbambano ekhoyo, ujike ulandele isininzi, uyijike inyaniso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukulandela isininzi ukuya kwenza ububi; kwaye ungathethi ukwala emva kwabaninzi ukonakalisa umgwebo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sukuvuma ukona ngenxa yokukhukuliswa sisihlwele. Ungaze uyigqwethe inyaniso ngenxa yefuthe lesihlwele.