Exodus 23:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Isoyikiso sam ndosituma pambi kwako, ndize ndipitizelise bonke abantu eniya kufika kubo; ndandiya kwenza zonke intshaba zako zikujikele umhlana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kuzithuma phambi kwakho izothuso zam, ndibadubadube bonke abantu oya kufika kubo, iintshaba zakho zonke ndizenze zikunikele ikhosi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuzithuma phambi kwakho izothuso zam, ndizibulale zonke iintlanga oya kufika kuzo, iintshaba zakho zonke ndizenze zikunikele ikhosi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndiya kubenza barhwaqele bonke abantu abakuchasayo, ndizenze zidideke zonke izizwe olwa nazo. Ewe, ndiya kuba ngakuwe, utsho uziswantsulise zonke iintshaba zakho.