Exodus 24:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko engolulanga isandla sake ngakuwo amaduna osapo luka‐Sirayeli; kodwa abona utixo, adla asela nokusela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amanene oonyana bakaSirayeli akawasanga sandla. Ambona ke uThixo, adla, asela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akasolula isandla sakhe kwizikhulu zoonyana bakaSirayeli; bambona nabo uThixo, badla, basela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uThixo zange awase sandla la matshawe akwaSirayeli; bambona baza batya basela.