Exodus 24:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kubadala: Silindeni apa, side sibuye size kuni: kanjalo naba u‐Arone no‐Hure benani; osukuba enendawo yokumangalela, makasondele kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kumadoda amakhulu, Hlalani, nisilinde apho, side sibuye, size kuni. Yabonani, uAron noHure banani; onendawo yokumangala makasondele kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kumadoda amakhulu, Hlalani apha ngenxa yethu, side sibuyele kuni; nabo ke ooAron noHure benani; ukuba ubani unento yokwenza, makeze kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kumadoda amakhulu: “Lindani kule ndawo side sibuye. Nâba uAron noYuri; wonke umntu onomcimbi makawandlale phambi kwabo bawuphicothe.”