Exodus 24:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Weza u‐Mosesi wabalisela abantu onke amazwi kayehova, nazo zonke izigwebo: baza bapendula bonke abantu ngelizwi linye, bati: Onke amazwi awatetileyo uyehova siya kuwenza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, namasiko onke. Baphendula bonke abantu ngazwi-nye, bathi, Onke amazwi awathethileyo uYehova sowenza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, nemithetho yakhe yonke; baphendula abantu ngazwi-nye, bathi, Siya kuwenza onke amazwi awathethileyo uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis ke wawugqithisela ebantwini loo mlomo kaNdikhoyo, ngokunjalo nemiyalelo. Ke amaSirayeli atsho ngazwi-nye athi: “Konke akuthethileyo uNdikhoyo siya kukwenza.”