Exodus 25:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Indetyana ezintatu zifanisiwe nezamonde zoba kwenye imbaxa, kwa n esikandana nentyatyambo; nendetyana ezintatu zifanisiwe nezamonde zoba nakwenye imbaxa, kwa n esikandana nentyatyambo; zoba kwa njalo imbaxa zontandatu ezipuma ekandelareni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zoba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina neentyantyambo, kweli isebe; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile, zibe zinamaqhina neentyantyambo, kweliya isebe; makube njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zaba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina nentyantyambo esandleni sinye; neentolo ezintathu ezifanayo nezo zexhama kwelinye icala, ineqhina nompu; zikwanjalo ke iingalo ezintandathu ezikwisiphatho sesibane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
La masebe mathandathu makahonjiswe ngomhombiso ofana neentyatyambo zealmondi, ibe nemidumba namagqabi eentyatyambo.