Exodus 27:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuyo intente yentlangano, ngapandle kwekuselo, elipambi kwesinqi̔no, baya kulungisa sona u‐Arone nonyana bake, kwa sekuhlweni kude kuse, ebusweni bukayehova: woba ngummiselwa ongunapakade kwizizukulwana zabo, ngenxa yosapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ententeni yokuhlangana, nganeno komkhusane ophambi kwesingqino. UAron noonyana bakhe bosilungisa, kuthabathele ngokuhlwa kude kuse, phambi koYehova; ibe ngummiselo onganuphakade kwizizukulwana zabo, ngenxa yoonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ententeni yokuhlangana, nganeno komkhusane, naphambi kwesingqino, woyicwangcisa ooAron noonyana bakhe le nto phambi koYehova, kuthabathele ngokuhlwa kude kuse: ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zabo, koonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kweli cala linganeno phambi komkhusane wetyesi yomnqophiso, uAron noonyana bakhe mabasoloko bejonge ukuba izibane ziyavutha phambi *koNdikhoyo, ukususela ngorhatya kude kube kusasa. Lo mmiselo ke mawuhlale uthotyelwe nanini na ngamaSirayeli nezizukulwana zawo.”