Exodus 28:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
UZE usondeze kuwe u‐Arone umkuluwe wako, nonyana bake kunye naye, pakati kwalo usapo luka‐Sirayeli, ukuba andikonze ngobuperisite; kwa u‐Arone, u‐Nadabi no‐Abihu, u‐Elezari no‐Yitamare, onyana baka‐Arone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena ke sondeza kuwe uAron umkhuluwa wakho, enoonyana bakhe, umthabathe phakathi koonyana bakaSirayeli abe ngumbingeleli kum: uAron, noNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare, oonyana baka-Aron;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thabatha uAron umkhuluwa wakho noonyana bakhe, ubasondeze kuwe, bephuma koonyana bakaSirayeli, babe ngababingeleli kum: uAron, noNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare, oonyana baka-Aron.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke wena biza umkhuluwa wakho uAron noonyana bakhe: uNadabhi, uAbhihu, uElazare, noItamare. Bakhuphe kumaSirayeli, ubamisele babe ngababingeleli bam.