Exodus 28:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngesetyenzwa lomqingqi wamatye, njeng eziqingqwa zaso isincamatiselo, wowaqingqa lamatye omabini, enamagama onyana baka‐Sirayeli: uya kuwenza evingcelwe ezigingqini zegolide.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wowakrola amatye omabini, ngokomsebenzi womkroli wamatye, ngokrolo lomsesane wokutywina, ngokwamagama oonyana bakaSirayeli, uwabhijele ngomluko wegolide.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wowabhala amagama oonyana bakaSirayeli ngokomfanekiso womkroli wamatye, njengombhalo wetywina, loo matye mabini;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
La magama oonyana bakaSirayeli ke makabhalwe ligcisa lomkroli. La macwecwe anala magama makaqhotyoshelwe ngesipeliti segolide kule mixwayo isemagxeni esidanga, ukuze ahlale esisikhumbuzo ngoonyana bakaSirayeli. Ngale ndlela ke uAro uya kuhlala ewathwele emagxeni la magama, ukuze abe sisikhumbuzo *kuNdikhoyo.