Exodus 28:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Amatye la oba njengamagama onyana baka‐Sirayeli, elishumi linamabini, njengawo amagama abo, njeng eziqingqwa zaso isincamatiselo; elinye ngelinye linegama lalo, oba ngawezizwe ezilishumi linazibini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
amatye lawo abe umgokwamagama oonyana bakaSirayeli, abe lishumi elinamabini ngokwamagama abo; abe nokrolo lomsesane wokutywina, lithi elo libe negama lalo ngokwamagama ezizwe ezilishumi elinazibini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
amatye lawo abe ngokwamagama oonyana bakaSirayeli, abe lishumi elinamabini ngokwamagama abo, ngokombhalo wetywina; iyileyo yayinegama layo ngokwezizukulwana ezilishumi elinazibini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuya kubakho amatye alishumi elinambini. Kwilitye ngalinye ke kokrolwa igama lomnye woonyana bakaYakobi abamele izindlu zakwaSirayeli.