Exodus 28:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Arone eya kutwala amagama onyana baka‐Sirayeli embekeni yokugweba, pezu kwentliziyo yake, akungena kweyingcwele indawo, abe yinkumbuzo pambi kwoyehova futi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wowathwala uAron amagama oonyana bakaSirayeli elubengweni lwesigwebo phezu kwentliziyo yakhe, ekungeneni kwakhe engcweleni, luhlale lusisikhumbuzo phambi koYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawathabatha uAron amagama oonyana bakaSirayeli elubengweni lwesigwebo entliziyweni yakhe ekungeneni kwakhe engcweleni, ukuze akhumbule rhoqo phambi koYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoko ke xa uAron engena egumbini elingcwele makanxibe esi sikhuselo-sifuba sinamagama ezindlu zikaSirayeli, ukuze mna *Ndikhoyo ndingaze ndibalibale abantu bam.