Exodus 28:38 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yoba pezu kwebunzi lika‐Arone, ukuba u‐Arone abutwale ubono bezinto ezingcwele, ezo usapo luka‐Sirayeli lwozingcwalisa kuzo zonke izipo zalo ezingcwele; yomana ibako pezu kwebunzi lake ngamaxesha onke, ukuze lukoleke ebusweni bukayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ibe sebunzi kuAron, ukuze abuthwale uAron ubungwenxa bezinto ezingcwele, abazingcwalisayo oonyana bakaSirayeli eminikelweni yabo yonke engcwele; ihlale isebunzi kuye, ukuze zibakholekise zona phambi koYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ibe sebunzi kuAron, ukuze abuthwale uAron ubugwenxa bezinto ezingcwele, abaya kuzingcwalisa oonyana bakaSirayeli, ezintweni zonke ezingcwele zabo; ihlale isebunzi kuye, ukuze zibakholekise zona phambi koYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Eli cwecwe ke liya kuthi nca ebunzi kuAron, khon' ukuze mna *Ndikhoyo ndiwamkele amadini amaSirayeli, nangona angade abe nempazamo xa anikelayo. Ewe, eli cwecwe malibe sebunzi kuye lonke ixesha. Ngokwenjenjalo abantu bam amaSirayeli baya kuhlala bamkelekile kum.