Exodus 28:41 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kwambatisa u‐Arone umkuluwe wako ezo nto, kwa nonyana bake kunye naye; uze ubatambise, uzalise izandla zabo, ubangcwalise nokubangcwalisa, ukuba bandikonze ngobuperisite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uzinxibe kuAron umkhuluwa wakho, nakoonyana bakhe benaye, ubathambise, ubamisele, ubangcwalise, babe ngababingeleli kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
umnxibe uAron umkhuluwa wakho, noonyana bakhe; ubathambise, ubangcwalise, ubangcwalise, babe ngababingeleli kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezi zivatho ke zinxibe uAron ngokunjalo noonyana bakhe. Wakukhov' ukwenjenjalo ke bathambise ubamisele ukuze bangene emsebenzini wobubingeleli.