Exodus 28:43 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zoba pezu kwo‐Arone, napezu kwonyana bake, ekungeneni kwabo ententeni yentlangano, nasekusondeleni kwabo esibingelweni ukukonza kweyingcwele indawo; baze bangatwali ubono, bafe ke: woba ngummiselwa ongunapakade lo, kwa kuye, nakwinzalo yake emva kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bazinxibe uAron noonyana bakhe ekungeneni kwabo emnqubeni wokuhlangana, nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, besiza kulungiselela engcweleni, bangathwali ubugwenxa bafe: ibe ngummiselo ongunaphakade kuye, nakwimbewu yakhe emva kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zinxibe uAron noonyana bakhe ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana, nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, besiza kukulungiselela engcweleni; ukuze bangathwali bugwenxa, bafe; ibe ngummiselo ongunaphakade kuye nakwimbewu yakhe emva kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAron ndawonye noonyana bakhe mabasoloko bezinxibile xa bengena *esibingelelweni, noba bakwezamadini okwababingeleli, hleze bafe ngenxa yokuba behamba ze. Lo ke ngummiselo ongasoze washukunyiswa kuAron ndawonye nezizukulwana zakhe.”