Exodus 29:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yiyo lento uya kuyenza kubo ukubangcwalisa, ukuba bandikonze ngobuperisite: Tabata inkunzana ibe nye elitole lenkomo, nenkunzi zegusha zibe mbini ezimsulwa,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yiyo le into owoyenza kubo yokubangcwalisa, ukuba babe ngababingeleli kum: Thabatha inkunzi entsha, ithole lenkomo, neenkunzi zezimvu ezigqibeleleyo zibe mbini;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze wenjenje ukubangcwalisa, babe ngababingeleli kum: ndiya kuthabatha inkunzi entsha yenkomo, neenkunzi zezimvu zibe mbini, ezigqibeleleyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nantsi ke imigqalisela omawuhambe ngayo xa umisela uAron noonyana bakhe kumsebenzi wabo wobubingeleli. Thatha inkunzana yenkomo kunye neenkunzi ezimbini zeegusha, zonke ke zibe zezingenasiphako.