Exodus 29:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uze ucapule kulo igazi elipezu kwesibingelo, nakuyo ioli yokutambisa, uti fefe pezu kwo‐Arone, napezu kwezivato zake, napezu kwonyana bake, napezu kwezivato zonyana bake kunye naye; aze enzwe ngcwele yena, nezivato zake, nonyana bake, nezivato zonyana bake kunye naye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ucaphule egazini eliphezu kwesibingelelo, naseolini yentambiso, ulifefe kuAron, nasezambathweni zakhe, nakoonyana bakhe, nasezambathweni zoonyana bakhe ndawonye naye, bangcwaliswe ke, yena nezambatho zakhe, noonyana bakhe, nezambatho zoonyana bakhe ndawonye naye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thabatha egazini lesibingelelo, neoli yentambiso, ulifefe kuAron, nezambatho zakhe, noonyana bakhe, nezambatho zoonyana bakhe abakunye naye; wasikelelwa, neempahla zakhe, noonyana bakhe, neempahla zoonyana bakhe, zikuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Thatha kwigazi elilapho phezu kweqonga lamadini, ndawonye neoyile yokuthambisa, ufefe uAron noonyana bakhe ndawonye neempahla zabo. Xa bebonke ke, ngokunjalo neempahla zabo, baya kumiselwa banikezelwe emsebenzini wam.