Exodus 29:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo uya kutabata isifuba senkunzi yegusha yedini lokuzalisa elilelika‐Arone, usishukushukumise sibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa pambi kwoyehova: soba sisabelwa sako sona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze uthabathe incum yenkunzi yemvu yokumisela uAron, uyitshangatshangise ibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, sibe sisabelo sakho eso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthabathe incum yenkunzi yemvu yembewu ka-Aron, uyitshangatshangise ibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova; kwaye kufuneka ibe yinxalenye yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke kaloku uya kuthatha incum yale nkunzi yegusha, uyiwangawangise, uyenze umnikelo kum. Kambe ke esi iya kuba sisabelo sakho.