Exodus 29:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwoba kokuka‐Arone nokwonyana bake ngommiselwa ongunapakade, kuvela elusatsheni luka‐Sirayeli; ngokuba ngumnikelo wokufunqufunqulwa: woba ngumnikelo wokufunqufunqulwa uvela elusatsheni luka‐Sirayeli, kwimibingo yoxolo yalo, kwa ngumnikelo wokufunqufunqulwa walo kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ibe yeka-Aron noonyana bakhe; ibe ngummiselo ongunaphakade, iphuma koonyana bakaSirayeli, kuba ingumrhumo.Woba ngumrhumo ophuma koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo, umrhumo wabo kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ibe yeka-Aron noonyana bakhe, ngokommiselo ophuma koonyana bakaSirayeli, kude kuse ephakadeni; ngokuba lidini elinyukayo elo lenziwa; yaye yoba ngumnikelo otshiswayo woonyana bakaSirayeli wemibingelelo yombulelo, umnikelo wabo otshiswayo oziswa kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo ke ngummiselo wam ongasoze uthini. Nanini na abantu bam besenza idini lobudlelwane, incum nomlenze sisabelo sababingeleli; ngoko sisipho esinikelwa kuNdikhoyo.