Exodus 29:37 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoba yimihla isixe̔nxe uya kuxolisela isibingelo, usingcwalise; soba sisibingelo esingcwelekazi: konke okucukumisayo isibingelo kwoba kungcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imihla yoba sixhenxe isibingelelo usicamagushela, usingcwalise, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele. Zonke izinto ezisichukumisayo isibingelelo eso zoba ngcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kangangeentsuku ezisixhenxe wosigubungela isono sesibingelelo, usingcwalise; yoba sisibingelelo esiyingcwele kangcwele; bonke abasichukumisayo isibingelelo boba ngcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kwenjenjalo ke iintsuku zibe sixhenxe. Xa kunjalo ke iqonga lamadini liya kuba nyulu ngokugqibeleleyo, aze athi nabani na okanye nantoni na elichukumisayo ibe nyulu nayo.”