Exodus 29:41 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Neyesibini imvana woyinikela pakati kwokuhlwa; wauya kwenzela yona njengomnikelo wokudla wokusa, nanjengomnikelo wokusela wawo, libe livumba elimnandi, kwa umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Eyesibini imvana woyibingelela lakutshona ilanga, uyenze ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ibe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nilungise enye imvana ngokuhlwa, niyenze ngokomnikelo wakusasa, nangokomnikelo wawo othululwayo, ibe ngumnikelo wasemlilweni olivumba elithozamisayo kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nakweli lasemalanga idini sebenzisa umgubo, amafutha, kunye newayini, kwangalaa ndlela wenze ngayo kusasa. Eli ke lidini elitshiswayo – litsho ngevumba eliyolileyo *kuNdikhoyo.