Exodus 29:42 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Loba lelifuti idini lokutshiswa ngezizukulwana zenu, elucangweni lwentente yentlangano, pambi kwoyehova: apo ndiya kuhlangana nani kona, ukuba nditete kuni kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Elo loba lidini elinyukayo lamaxesha onke kwizizukulwana zenu, emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, apho ndiya kuhlangana nani khona, ndithethe nawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Elo loba lidini elinyukayo lamaxesha onke kwizizukulwana zenu, emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, apho ndiya kuhlangana nani khona, ndithethe nani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukusukela ngoku eli dini litshiswayo mandilenzelwe phaya esangweni *lesibingelelo. Kaloku apho kulapho ndiya kuhlangana khona nabantu bam, ndithethe nawe khona.