Exodus 3:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Ngenyaniso ndiya kubako nawe; kanjako oku kwoba ngumqondiso kuwe, wokuba ndikutumile mna: nxa ubakupileyo ababantu e‐Jipete, niya kumkonza utixo pezu kwalentaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ndiya kuba nawe. Nangu umqondiso wokuba ndikuthumile mna: ekubakhupheni kwakho abantu eYiputa, niya kumkhonza uThixo kule ntaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ndiya kuba nawe; Nangu ke umqondiso wokuba ndikuthumile mna: Ukuba ubakhuphile abantu eYiputa, khonzani uThixo kule ntaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UThixo waphendula wathi: “Ndiya kuba nawe. Nanku umqondiso wokuba uthunywa ndim: mhla wabakhupha abo bantu eJiputa noza kundinqula mna Thixo apha kule ntaba.”