Exodus 3:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Mosesi kutixo: Bona ke, ndakuza kufika elusatsheni luka‐Sirayeli, nditi kulo: Utixo woyihlo benu unditumile kuni; lwandule luti kum: Ngubanina igama lake? ndoti nina kulo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses kuThixo, Uyabona, ukuba ndiya koonyana bakaSirayeli, ndithi kubo, UThixo wooyihlo undithumile kuni, baze bathi kum, Ngubani na igama lakhe? ndothini na kubo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuThixo, Uyabona, ukuba ndiya koonyana bakaSirayeli, ndithi kubo, uThixo wooyihlo undithumile kuni; bathi kum, Ngubani na igama lakhe? Ndiza kubaxelela ntoni?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis wabuza wathi: “Ukuba ndiyile ke kumaSirayeli, ndawaxelela ukuba ndithunywe kuwo nguThixo wookhokho bawo, aza wona andibuza ukuba ngubani igama lakhe, ze ndithini?”