Exodus 3:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndiya kwolula isandla sam, ndibete i‐Jipete ngayo yonke imimangaliso yam, endiya kuyenza pakati kwayo; woti emveni kwoko anindulule.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kusolula isandla sam, ndiyibethe iYiputa ngemisebenzi yam yonke ebalulekileyo, endiya kuyenza phakathi kwayo, andule ke ukunindulula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kusolula isandla sam, ndiloyise iYiputa ngemisebenzi yam yonke ebalulekileyo, endiya kuyenza kulo; kwaye emva koko uya kunivumela ukuba nihambe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke mna ndiya kuwaqwakanisa amaJiputa, ndenze imimangaliso eya kuwarhwaqelisa; emva koko ke uya kunikhulula.