Exodus 3:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
koko abafazi beya kubiza kwabamelwanekazi babo, nakwabapambukelikazi abasezindlwini zabo, impahla zesilivere, nempahla zegolide, nezivato: eniya kuzibeka pezu kwonyana benu, napezu kwentombi zenu; naniya kupanga ama‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Intokazi iya kucela kwengummelwane wayo, nakwengumphambukeli endlwini yayo, impahla yesilivere, nempahla yegolide, neengubo, nizinxibe oonyana benu neentombi zenu, niwaphange amaYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa umfazi ngamnye uya kuboleka isilivere negolide nempahla yokunxiba kwintsapho yakhe nomfazi ohlala endlwini yakhe; ukutsalele koonyana bakho neentombi zakho; bawaphange amaYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku wonke umfazi uya kucela kummelwane nakundwendwe olusendlwini yakhe, bamnike izinto zexabiso zesiliva negolide kwakunye nempahla yokunxiba. Ezo zinto ke ziya kuthwalwa ngoonyana neentombi zamaSirayeli. Ngalinye ke amaSirayeli aya kuyiphanga impahla yamaJiputa.”