Exodus 3:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati akubona uyehova ukuba upambukile ukuza kubona, wandula utixo wabiza kuye kwa pakati kwetyolo, wati: Mosesi, Mosesi! Wati yena: Nanku, ndi lapa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabona uYehova, ukuba utyekile esiza kubona; uThixo wabiza esetyholweni phakathi, wathi kuye, Moses, Moses. Wathi yena, Ndilapha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova akubona ukuba ujikile ukuba akhangele, uThixo wambiza etyholweni elinameva, wathi, Moses, Moses! Wathi: Ndim lo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wathi akubona ukuba uMosis uyasondela efuna ukuqonda lo mbono, wamkhwaza esetyholweni apho, wathi: “Mosis! Mosis!” Wasabela ke yena wathi: “Ewe, ndim lo.”