Exodus 3:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati kanjalo uyehova: Ndikolisile ukubona ubunzima babantu bam abase‐Jipete, nokukala kwabo ndikuvile ngenxa yenkosi zabo zomsebenzi; ngokuba intsizi zabo ndizazile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova, Ndizibonile okunene iintsizi zabantu bam abaseYiputa, nokukhala kwabo ndikuvile, ngenxa yabo babaqhuba kalukhuni; kuba ndiyawazi umvandedwa wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Ndikubonile ukuphathwa kakubi kwabantu bam eYiputa, nokukhala kwabo ndikuvile ngenxa yabakhonzi babo; ngokuba ndiyazazi iinkedama zabo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqhuba ke *uNdikhoyo wathi: “Ngenene ndiyibonile imbandezelo yabantu bam eJiputa. Ndisivile nesimbonono sabo ngenxa yâbo babatshutshisayo. Ewe, ndiyayiqonda intlungu yabo;