Exodus 3:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndihlile ngoko, ukuba ndibahlangule esandleni sama‐Jipete, nokuba ndibanyuse kwelilizwe baye ezweni elilungileyo nelibanzi, ezweni elela ubisi nobusi; endaweni yabo aba‐Kanane, nama‐Hete, naba‐Amori, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndihlile ke; ndize kubahlangula esandleni samaYiputa, ndibanyuse baphume kwelo lizwe, baye ezweni elilungileyo, elibanzi, ezweni elibaleka amasi nobusi, endaweni yamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndehla ke ukuze ndibahlangule esandleni samaYiputa, ndibaqeqeshe, basuke kwelo lizwe, baye ezweni elihle, elikhulu, ezweni elibaleka amasi nobusi; ezweni lamaKanan, namaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaHeti, namaYebhusi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ngoku ke ndihlile ukuze ndibahlangule esandleni samaJiputa, ndibakhulule baphume kwelo lizwe, baye kwilizwe elihle eliphangaleleyo, eliphuphuma ubisi nobusi. Elo ke lelamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.