Exodus 30:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni utabatayo inani labalusapo luka‐Sirayeli ngokubalwa kwabo, baya kwandula banike abanye ngabanye isizi semipefumlo yabo kuye uyehova, nxa ubabalayo; ukuze kungabiko pakati kwabo isibulalo, nxa ubabalayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa ulithabathayo inani loonyana bakaSirayeli, ngokubalelwa kwabo encwadini yomlibo wokuzalwa, mabanikele elowo imali yokucamagushela umphefumlo wakhe kuYehova ekubabaleni; ukuze kungabikho sibetho kubo ekubabaleni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa ulibala inani loonyana bakaSirayeli, ngokwenani labo, mabanikele elowo imali yokucamagushela umphefumlo wakhe kuYehova ekubabaleni; ukuze kungabikho siphoso phakathi kwazo xa uzifunda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngexesha lobalo lwamaSirayeli umntu ngamnye aze akhuphe umrhumo wokucamagushela ubomi bakhe, khon' ukuze kungabikho shwangusha elubalweni apho.