Exodus 30:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
baya kwandula bahlambe izandla zabo nenyawo zabo, ukuba bangafi: oku kwoba ngummiselwa ongunapakade kubo, kwa kuye nakwinzalo yake ngezizukulwana zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bohlamba ke izandla zabo neenyawo zabo, ukuze bangafi; ibe ngummiselo ongunaphakade kubo, kuye lo, nakwimbewu yakhe kwizizukulwana zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye bamele bahlambe izandla zabo neenyawo zabo, hleze bafe; ibe ngumyalelo ongunaphakade kubo, kuye nakwimbewu yakhe kwizizukulwana zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, mabahlambe izandla neenyawo ukuze bangafi. Lo ke ngummiselo amabawuthobele bona nezizukulwana zabo.”