Exodus 30:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Osukuba eyimanya efana nayo, nosukuba ebeka kuyo pezu kwowasemzini, yena uya kunqanyulwa ebantwini bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umntu osukuba eqhola enjengayo, nosukuba ethabatha kuyo ayinike ongengowakuni, wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nabani na oqokelela into enjengale okanye nabani na obeka enye yayo kumntu wasemzini, makatshatyalaliswe angabikho ebandleni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nabani na owenza amafutha afana nawo, okanye osebenzisa la mafutha mntwini wumbi ungengombingeleli, uya kusikwa phakathi kwabantu bam.”