Exodus 31:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wena kanjalo teta nosapo luka‐Sirayeli, usiti: Okwenene isabata zam niya kuzigcina; ngokuba oku kungumqondiso pakati kwam nani ngezizukulwana zenu; kuze kwaziwe ukuba ndi nguyehova oningcwalisayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena, thetha koonyana bakaSirayeli uthi, Inene, iisabatha zam zigcineni; kuba zingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu, ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Gcinani iisabatha zam, ngokuba zingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu; ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
makayalele amaSirayeli athi: “Wuhloneleni *uMhla wokuPhumla, uyimini yam; ewe, ungumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana ngezizukulwana, uxela ukuba mna Ndikhoyo ndanenza naba ngabam ncakasana.