Exodus 31:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako niya kugcina isabata; ngokuba ingcwele kuni: oyinco̔lisayo uya kufiswa ngenyaniso; ngokuba osukuba ewenza ngayo umsebenzi, umpefumlo lowo uya kunqanyulwa ebantwini bawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
niyigcine isabatha, kuba ingcwele kuni. Lowo uyihlambelayo wobulawa afe; kuba bonke abo basebenza umsebenzi ngayo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebantwini bakowayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, yigcineni isabatha; ngokuba ingcwele kuni; Lowo uyihlambelayo wobulawa afe; kuba bonke abo basebenza umsebenzi ngayo, loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke wuhloneleni uMhla wokuPhumla, kuba kuni ungumhla owodwa. Umntu ongawuhloneliyo, koko osebenzayo ngawo, makabulawe.