Exodus 31:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yimihla mitandatu ekuya kwenziwa umsebenzi; koko ngomhla wesixe̔nxe kuko isabata yopumlo, ibungcwele kuyehova: osukuba ewenza umsebenzi ngomhla wesabata, uya kufiswa ngenyaniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imihla emithandathu wosebenza umsebenzi ngayo, ke umhla wesixhenxe yisabatha kasabatha, ingcwele kuYehova; bonke abo basebenza umsebenzi ngomhla wesabatha, bobulawa bafe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umsebenzi unokwenziwa ngeentsuku ezintandathu; ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha, kungcwele kuYehova; nabani na owenza nawuphi na umsebenzi ngomhla wesabatha wobulawa afe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku zikho iintsuku ezintandathu ukuba nenze wonke umsebenzi wenu, kodwa ke wona umhla wesixhenxe ngumhla onendili wokuphumla olibango lam. Nabani na ke owenza umsebenzi wakhe ngawo makabulawe.