Exodus 31:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ingumqondiso yona pakati kwam nosapo luka‐Sirayeli kude kube ngunapakade; ngokuba ngemihla mitandatu wenza uyehova izulu nomhlaba, waza wapumla ngomhla wesixe̔nxe, womelezwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phakathi kwam noonyana bakaSirayeli, ngumqondiso ongunaphakade; kuba imihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, waphefumla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nguwo lowo umqondiso phakathi kwam noonyana bakaSirayeli ongunaphakade; ngokuba ngemihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, waphefumla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lona lungumqondiso ongasoze ujike phakathi kwam namaSirayeli. Kaloku mna Ndikhoyo ndênza izulu nehlabathi liphela ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe.”