Exodus 32:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU abantu bakubona ukuba u‐Mosesi uyalibala ukuhla entabeni, baza abantu bahlanganisana ngaku‐Arone, bati kuye: Suka, usenzele otixo, abaya kuhamba pambi kwetu; ngokuba u‐Mosesi lowo, londoda eyasinyusayo ezweni le‐Jipete, singamazi ukuba uhliwe yinto nina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke babona abantu ukuba uMoses ulibele, akehli entabeni;bababizela ndawonye abantu kuAron, bathi kuye, Sukume, usenzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke babona abantu ukuba uMoses akanakuhla entabeni, bambizela ndawonye abantu kuAron, bathi kuye, Hlala, usenzele uthixo oya kusikhokela; ngokuba lo Moses, le ndoda yasikhuphayo ezweni laseYiputa, asiyazi into emhleleyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli akubona ukuba uMosis akabuyi entabeni, asuka amgungela uAron, athi: “Senzele *uthixo oza kusikhokela. Okokwakhe yena laa Mosis wasikhupha eJiputa, asiyazi into emhleleyo.”