Exodus 32:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Mosesi wambongoza uyehova, utixo wake, wati: Kunganina, Yehova! ukuba kuvute umsindo wako ngasebantwini bako, obakupileyo ezweni le‐Jipete, ngamandla amakulu, nangesandla esomeleleyo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMoses wambongoza uYehova uThixo wakhe, wathi, Yini na, Yehova, ukuba uvuthe umsindo wakho kubantu bakho, obakhuphileyo ezweni laseYiputa ngamandla amakhulu, nangesandla esithe nkqi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathandaza uMoses kuYehova uThixo wakhe, wathi, Yini na ukuba uqumbe, Yehova, ukuba ubagxothe abantu bakho ezweni laseYiputa ngamandla amakhulu, nangesandla esithe nkqi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uMosis watarhuzisa kuNdikhoyo uThixo wakhe, wathi: “Awu, *Mhlekazi, ungathini kaloku ukusuka ulwe kanjalo nabantu bakho owabahlangula wabakhulula ngobungaka bona ubungangamsha kwelaseJiputa?