Exodus 32:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kunganina ukuba ama‐Jipete atsho ukuti: Kungenxa yobubi abakupileyo, ukuba ababulale ezintabeni, nokuba abagqibele ebusweni bomhlaba? Buya ebushushwini bengqumbo yako, ube nosizi pezu kwobububi ngakubo abantu bako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yini na ukuba amaYiputa atsho ukuthi, Wabakhuphela ububi, ukuze ababulalele ezintabeni, abagqibele bemke emhlabeni? Buya ekuvutheni komsindo wakho, uzohlwaye ngobubi obo ngenxa yabantu bakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yini na ukuba amaYiputa atsho ukuthi, Nguye lo owabakhupha ebubini, ukuze ababulalele ezintabeni, abatshabalalise emhlabeni? Guquka emsindweni wakho, uzisole ngobu bubi kubantu bakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa kunjalo amaJiputa angatsho ngakhona athi: ‘UThixo wamaSirayeli wawakhupha eJiputa eneenjongo zokuwatshabalalisela ezintabeni, awatshayele angabikho ehlabathini.’ Awu, ndiyakubongoza, Mhlekazi, lala ngenxeba, uxole, ungabi sabahlisela le ntlekele abantu bakho.