Exodus 32:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kumbula ngo‐Abrahame, ngo‐Yisake, nango‐Sirayeli, izicaka zako, owabubafungela ngokwako, wateta kubo ngokuti: Ndiya kwandisa inzalo yenu ibe njengenkwenkwezi zezulu, nalo lonke elilizwe enditetile ngalo, ndolinika kwinzalo yenu, ize ilidle ilifa lalo kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khumbula uAbraham noIsake noSirayeli, abakhonzi bakho, owazifunga ngokwakho kubo, wathi kubo, Ndiya kuyandisa imbewu yenu ibe njengeenkwenkwezi zezulu, neli lizwe lonke ndithethileyo ngalo, ndiya kulinika imbewu yenu, ilidle ilifa ngonaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khawumkhumbule uAbraham, uIsake noSirayeli, abakhonzi bakho, owazifunga ngokwakho kubo, wathi kubo, Ndiya kuyandisa imbewu yenu njengeenkwenkwezi zezulu, ndilinike lonke eli lizwe ndalithethayo kuni wena baya kulidla ilifa ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khawukhumbule izicaka zakho, uAbraham, uIsake, noSirayeli. Kaloku wazifunga kwawena siqu, usithi: ‘Inzala yenu ndiya kuyandisa, ibe ninzi njengeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni. Eli lizwe ndinithembise ngalo liya kuba lilifa lezizukulwana zenu ngonaphakade.’ ”