Exodus 32:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Arone kubo: Kumlani amacici egolide asezindlebeni zabafazi benu, na kwezonyana benu, nakwezentombi zenu, niwazise kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAron kubo, Qhawulani amajikazi egolide, asezindlebeni zabafazi benu, noonyana benu, neentombi zenu, niwazise kum.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAron kubo, Khululani ijikazi legolide, ezindlebeni zabafazi benu, noonyana benu, neentombi zenu, niwazise kum.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAron wayalela ukuba bathathe amacici ebafazini, koonyana, nasezintombini zabo, beze nawo kuye.