Exodus 32:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Watabata netole ababelenzile, walitshisa emlilweni, walisila lada lacoleka, walivutululela emanzini, waza waseza usapo luka‐Sirayeli kuwo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Walithabatha ithole ababelenzile, walitshisa ngomlilo, walisila lada lacoleka, waligcwayela emanzini, waseza oonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathabatha ithole lenkomo ababelenzile, walitshisa ngomlilo, waliqoba, waza waneka phezu kwamanzi waza wabaseza oonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayithatha loo nkunzi babeyibumbile, wayiphosa emlilweni, waza wayicola yangumgubo, wawugalela emanzini aselwa ngamaSirayeli.