Exodus 32:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Mosesi akubona abantu ukuba bahlubulukile, (ngokuba u‐Arone ebebahlubisile babe nehlazo pakati kwabasukelayo,)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wababona uMoses abantu, ukuba baqhawule umkhala (kuba uAron ebebaqhawulisile umkhala, ukuba babe yintlekisa phakathi kwabo bachasene nabo);
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wababona uMoses abantu, ukuba baqhawule umkhala; (kuba uAron wayebahluba babe ze ukuze babe neentloni phakathi kweentshaba zabo.)
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis ke waqonda ukuba uAron uvule zabhuqa, baza abantu benza unothanda, bazenza intlekisa nasezintshabeni.