Exodus 32:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba u‐Mosesi ebesiti: Zalisani izandla zenu kuyehova namhla; ngokuba umntu’eya kuba ngakuye unyana wake, nangakuye umzalwana wake; ukuze namkeliswe namhla itamsanqa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses, Zimiseleni namhla kuYehova, ukuba umntu achase unyana wakhe nomzalwana wakhe, ithotywe namhla intsikelelo phezu kwenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses, Ziboniseni kuYehova namhla, elowo kunyana wakhe nakumzalwana wakhe; wanga angakusikelele namhlanje.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis ke wathi kubaLevi: “Niyabona ke, namhlanje, ngokubulala abantakwenu noonyana benu, niye naba ngababingeleli bokubusa uNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo unithamsanqele.”