Exodus 32:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bavuka kusasa ngomnye umhla, banikela amadini okutshiswa, basondeza neminikelo yoxolo; bahlala pantsi ke abantu badle basele nokusela, bandula ukusuka badlale.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bavuka kusasa ngengomso, banyusa amadini anyukayo, basondeza imibingelelo yoxolo; bahlala phantsi abantu, badla basela, besuka bema, badlala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bavuka kusasa, banyusa amadini anyukayo, babingelela imibingelelo yokubulela; Yahlala phantsi isihlwele, yadla, yasela, yema ukuba idlale.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwangentseni ngomhla olandelayo benza amadini atshiswayo kwanatyiwayo. Ke kaloku abo bantu batya, basela, bahakaza, bada barheletya.