Exodus 33:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, wati: Hamba, unyuke kwa lapa, wena nabantu abo ubanyusileyo ezweni le‐Jipete, niye ezweni endandifunga ngalo ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi, ndisiti: Kwinzalo yako ndiya kulipa:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Hamba unyuke, umke apha, wena nabantu obanyusileyo ezweni laseYiputa, uye kulo ilizwe endalifungela uAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Hamba uphume khona, wena nabantu obakhuphileyo ezweni laseYiputa, uye kulo ilizwe endalifungela uAbraham noIsake noYakobi, ndathi, Kuni, Nyuka ndiya kuyinika imbewu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wathi kuMosis: “Hamba apha, wena nabo bonke abantu owabakhokelayo waphuma nabo eJiputa, usingise kwilizwe endabathembisa lona ngesifungo uAbraham, uIsake, noYakobi, ndisithi: ‘Loba lelezizukulwana zenu.’