Exodus 33:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wateta ku‐Mosesi ubuso bungakubo ubuso, njengokuba umntu eteta nomhlobo wake. Wada wabuyela emnqubeni; kodwa umkonzi wake u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, isicaka, waengasukanga ententeni yena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wathetha kuMoses, bekhangelene ebusweni, njengomntu ethetha nomhlobo wakhe, wabuyela kwaseminqubeni; ke umlungiseleli wakhe, uYoshuwa unyana kaNun, umfana, akasukanga yena ententeni leyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wathetha kuMoses, bekhangelene ebusweni, njengomntu ethetha nomhlobo wakhe, wabuyela kwaseminqubeni; Wabuyela enkampini, kodwa umkhonzi wakhe uYoshuwa, unyana kaNun, umfana, akazange aphume emnqubeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uNdikhoyo wayeye athethe noMosis ubuso ngobuso, njengaye nabani na othetha nomhlobo wakhe. UMosis ke wayesithi akugqiba agoduke, kodwa yena uYoshuwa umfana olihlakani lakhe, unyana kaNune, wayesala apho ententeni yokuhlangana.